2 Chronicles 32:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
yingalo yenyama enaye, kodwa nguyehova, utixo wetu, onati, ukuba asincede, nokuba alwe ukulwa kwetu. Bati abantu bayamela emazwini ka‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuye kukho isandla senyama; kodwa kuthi uYehova nguThixo wethu ukuba asincede asilwele amadabi ethu. Ke abantu bakholosa ngamazwi kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngakuye ngamandla omntu, ukanti ngakuthi *nguNdikhoyo uThixo wethu oza kusinceda asilwele amadabi ethu.” Ke abantu batsho bomelela ngaloo mazwi kaHezekiya ukumkani wakwaJuda.