2 Chronicles 32:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwoku u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya watuma izicaka zake ukuya e‐Yerusaleme, (kodwa yena ebepambi kwe‐Lakishe, nabo bonke abobukosi bake kunye naye,) ku‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, nakubo bonke o‐Juda ababese‐Yerusaleme, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko uSaneribhe ukumkani waseAsiriya wathumela eYerusalem abakhonzi bakhe (yena engaseLakishe, enabalawuli bakhe bonke), kuHezekiya ukumkani wakwaYuda, nakumaYuda onke aseYerusalem, esithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko uSenaribhe ukumkani waseAsiriya wathumela abakhonzi bakhe eYerusalem (kodwa wayingqinga iLakishe wonke umkhosi wakhe wamajoni awayekunye naye) kuHezekiya ukumkani wakwaYuda nakuYuda wonke owayeseYerusalem, wathi:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kamva ke xa uSenakeribhe ukumkani waseAsiriya nomkhosi wakhe uphela babengqinge iLakishe, wathumela amagosa akhe nalo myalezo, ewubhekisa kuHezekiya ukumkani wakwaJuda kunye nabo bonke abantu bakwaJuda ababeseJerusalem, esithi: