2 Chronicles 33:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako uyehova wazisa pezu kwabo inkosi zomkosi wokumkani we‐Asiriya, ezambamba u‐Manase emitolweni, zamnxiba ngamakamandela obedu, zamsa e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wabafikisela abathetheli bomkhosi wokumkani waseAsiriya; bambamba uManase ngamakhonkco, bamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, bamsa eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabazisa abathetheli bempi yokumkani waseAsiriya, ukuba bafike kubo. Bambamba uManase ngameva, bamkhonkxa ngamakhamandela, bamsa eBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNdikhoyo wabazisela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wokumkani waseAsiriya, owafika wamthimba uManase walibanjwa, wamqhoga impumlo, wambopha ngamakhamandela obhedu, wamsa eBhabheli.