2 Chronicles 33:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasemveni kwoku waka udonga ngapandle kwesixeko sika‐Davide, ngasecaleni lasentshonalanga le‐Gihone emfuleni, nakude kwasekungenweni ngesango lentlanzi, wabiyela i‐Hofeli, walupakamisa kakulu, wabeka inkosi zokulwa kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko wakha udonga olungaphandle lomzi kaDavide ngasentshonalanga, lwaya eGihon esihlanjeni, lwaya ekungeneni ngesango leentlanzi, wayizunguleza iOfele, waluphakamisa kakhulu. Wamisa abathetheli bempi emizini yonke enqatyisiweyo kwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko wakha udonga ngaphandle kwesixeko sikaDavide ngasentshona yeGihon entilini, wada wee xhaxhe ngeSango leeNtlanzi, wayijikeleza iOfeli, wayiphakamisa kakhulu kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko ke walwakha udonga olungaphandle lwesixeko sikaDavide, kwintshona yomthombo waseGihon entilini, wada wee xhaxhe ngeSango leeNtlanzi, wayijikeleza induli yeOfeli, kananjalo ke waluphakamisa. Wamisa iingqwayi-ngqwayi zomkhosi kuzo zonke izixeko zakwaJuda ezinqatyisiweyo.