2 Chronicles 33:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo umtandazo wake, nokokuba u‐Tixo wakungeleka kuye, nazo zonke izono zake, nobumenemene bake, nendawo owati kuzo waka indawo ezipakamileyo, wazimisa i‐Ashera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazigobanga, bona ke, ziba̔liwe emazwini ababoni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nomthandazo wakhe, nokuthandazeka kukaThixo nguye, nezono zakhe, nokumeneza kwakhe, neendawo awakhela kuzo iziganga, wamisa ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazithobi, nanzo zibhaliwe emicimbini kaHozayi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nomthandazo wakhe nendlela awaviwa ngayo uThixo kuye, nesono sakhe sonke nokunxaxha kwakhe neendawo awakha kuzo iindawo eziphakamileyo waza watyala izikhondo zemithi engcwele nemifanekiso eqingqiweyo ngaphambi kokuba athobeke. Yabonani, kubhaliwe kwathiwa, phakathi kwemigwebo yeemboni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, umthandazo wakhe nendlela awachukumiseka ngayo uThixo sisikhungo sakhe, ndawonye nazo zonke izono zakhe nokunganyaniseki kwakhe, nezo ndawo wazakha kuzo iindawo eziphakamileyo zonqulo, nalapho wazimisa khona iintsika zika-Ashera kwanemifanekiso eqingqiweyo, ngaphambi kokuzithoba kwakhe, yonke loo ngcombolo ibhaliwe kwiinkcukacha zeembongi.