2 Chronicles 33:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba wabuya wazaka indawo ezipakamileyo, ezo u‐Hezekiya uyise wake ubezicitile; wamisela o‐Bali izibingelo, wenza imifanekiso ka‐Ashera, wazitoba kuwo wonke umkosi wezulu, wawukonza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya wazakha iziganga, awazidilizayo uHezekiya uyise;wabamisela ooBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, wawunqula umkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazakha kwakhona iindawo eziphakamileyo ezo uHezekiya uyise wayezidilizile, waza wakhela ooBhahali izibingelelo, wenza nemithi, waqubuda, wakhonza zonke izidalwa zasezulwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Iindawo eziphakamileyo zonqulo ezazidilizwe nguyise uHezekiya yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela ooBhali amaqonga, wenza neentsika zika-Ashera. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi, ezinqula.