2 Chronicles 33:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye yena kanjalo edlulisa abantwana bake emlilweni, esihlanjeni sonyana ka‐Hinome, wenza ngobugqi, walaula, wenza ngobanuse, wenzelana nemishologu namatola: wandisa ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ukumqumbisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom; kananjalo wayewagcina amaxesha, ehlaba, enemilingo, esebenzelana nemimoya nabakhafuli; wenza ububi obukhulu emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakhe ncam wabafaka emlilweni, esenza idini ngabo kwintili kaBhen-hinom. Wayethe phithi yimilingo, ukuvumisa, nobugqwirha, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni kaNdikhoyo, emqumbisa.