2 Chronicles 33:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako wabeka umfanekiso oqingqiweyo, idalo abelenzile, endlwini katixo, owabesiti utixo ngayo ku‐Davide naku‐Solomone unyana wake: Kulendlu, nakuyo i‐Yerusaleme, endiyinyulileyo kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ndiya kubeka igama lam kude kube ngunapakade:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo abewenzile, endlwini kaThixo, awathi uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawubeka umfanekiso oqingqiweyo, umfanekiso abewenzile, endlwini kaThixo, awathi uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kule ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo phakathi kwezizwe zonke zakwaSirayeli; ndiya kulimisa igama lam ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathatha umfanekiso oqingqiweyo awayewenzile, wawufaka endlwini kaThixo; ukanti ke uThixo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.