2 Chronicles 33:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandingayi kupinda ukukwelelisa unyawo luka‐Sirayeli emhlabeni, endiwumisele oyihlo benu; kupela ukuba baya kulumkela ukwenza konke endibayaleleyo ngako, ngawo wonke umteto, nezimiselo, nezigwebo, ngesandla sika‐Mosesi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ndingaphindi ndilususe unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawumisela ooyihlo; kodwa mababe bayakugcina ukukwenza konke endibawisele umthetho ngako, ngokomyalelo wonke nemimiselo namasiko, ngesandla sikaMoses.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Andisayi kuba salususa unyawo lukaSirayeli emhlabeni endawushumayezayo kooyihlo-mkhulu; ukuze bakunyamekele ukwenza konke endibayalele kona, ngokomthetho wonke nemiyalelo nezigwebo ngesandla sikaMoses.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, ayithobela yonke imithetho nemimiselo kwanemiqathango endayikhupha ngoMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”