2 Chronicles 34:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bayinika kwincibi zemiti nakubaki, kuze kutengwe amatye aqandulweyo, nemiti yokubandakanyisa, neyokupahla izindlu ezibe zicitiwe ngokumkani bo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
bayinikela ke kwiingcibi zemithi nakubakhi, ukuba kuthengwe amatye axholiweyo, nemithi yemiqadi yokuhlanganisa, neyophahla lwezindlu, ababeziwisile ookumkani bakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Balinika iingcibi nabakhi, ukuba kuthengwe amatye axholiweyo, nemithi, ukuba badibanise, bakhe izindlu, ezo bazichithayo ookumkani bakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Enye imali bayinika abachweli nabakhi ukuze bathenge amatye akroliweyo kunye nomthi wokuhlanganisa nowemiqadi ukuze kulungiswe ezo zakhiwo zayekwa zabhodloka ngookumkani bakwaJuda.