2 Chronicles 34:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza amadoda lawo enza ngenyaniso kulomsebenzi: nabo ababe bonganyisiwe pezu kwawo, ngu‐Yahati, no‐Hobadiya, aba‐Levi kubo onyana baka‐Merari; no‐Zekariya, no‐Meshulame, kubo onyana bama‐Kohati; ukuba bongame: naba‐Levi aba, bonke bebenokuqonda ngezinto zokuculisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amadoda lawo ebesebenza kuloo msebenzi enyanisekile;abaphathi bawo nguYahati no-Obhadiya, abaLevi, bakoonyana bakaMerari; noZekariya noMeshulam, bakoonyana bakaKehati, abokongamela; nabaLevi bonke abo baziqondayo iimpahla zokuvuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Loo madoda ebesebenza umsebenzi wawo enyanisekile; Abaveleli babo ibinguYahati no-Obhadiya, abaLevi bakoonyana bakaMerari; uZekariya noMeshulam, oonyana bamaHeti, bayifundisa; nabanye abaLevi, bonke ababekwazi ukucula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La madoda awenza ngentembeko loo msebenzi. Ayekhokelwa nguYahati no-Obhadiya, abaLevi abayinzala kaMerari, kunye noZakariya noMeshulam, inzala kaKohati. Aba baLevi bonke babeziingcungela ekudlaleni izikhalisi zengoma;