2 Chronicles 34:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Hambani, niye nibuze kuyehova ngenxa yam, nangenxa yabaseleyo kwa‐Sirayeli nakwa‐Juda, pezu kwamazwi alencwadi ifunyenweyo: ngokuba umkulu umsindo kayehova otululweyo pezu kwetu, ngokokuba obawo betu bengaligcinanga ilizwi likayehova, ukwenza ngako konke okuba̔liweyo kulencwadi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo;ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yiyani nibuze kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli namaYuda, ngokuphathelele amazwi encwadi efunyenweyo; ngenxa yokuba mkhulu umsindo kaYehova ophalazwe phezu kwethu, ngenxa yokuba ookhokho bethu abazange baligcine ilizwi likaYehova ukuba benze yonke into ebhaliweyo kule ncwadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hambani niye kubuzisa kuNdikhoyo malunga nam namasalela kaSirayeli noJuda, malunga noko kubhaliweyo kule ncwadi ivelileyo. Ayinganganto ingqumbo kaNdikhoyo ayiphokozele phezu kwethu, kuba oobawo abawathobelanga amazwi kaNdikhoyo, abaziphathanga ngokwala mazwi abhalwe kule ncwadi.”