2 Chronicles 34:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayehamba u‐Hilikiya, nabokumkani, ukuya ku‐Hulida umprofitekazi, umfazi ka‐Shalume, unyana ka‐Tokate, unyana ka‐Hasera, umgcini wezivato; (waye yena ehlala e‐Yerusaleme, kwesesibini isahlulo sayo;) baza bateta kuye ngokunjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya ke uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTokeha, unyana kaHasera, umgcini-ngubo;waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo. Bathetha kuye ngolo hlobo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waya uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTikwata, unyana kaHatsera, umgcini-ngubo; (ebe ehleli eYerusalem ekholejini) baza bathetha naye ngayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uHilekiya nâbo wayethunywe nabo ngukumkani baya *kumshumayeli obhinqileyo uHulda, owayengumfazi kaShulam unyana kaTokati, kaHasera umgcini-wegumbi lezambatho. Yena ke wayehlala eJerusalem kwisithili sesibini.