2 Chronicles 34:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yokuba bendishiyile, nokuba bequmisile kotixo bambi, ukuze bandiqumbise ngayo yonke imisebenzi yezandla zabo; ngako umsindo wam wotululwa pezu kwalendawo, ungacinywa ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngethuba lokuba bandishiyayo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yokuba bandinikele umva baza baqhumisa abanye oothixo ngenxa yam, ukuze bandihlekise ngayo yonke imisebenzi yezandla zabo; ke ngoko, umsindo wam uya kuthululwa phezu kwale ndawo, kwaye awuyi kucinywa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku bandishiyile, baza benzela abanye *oothixo iziqhumiso. Ewe, bawuxhokonxile umsindo wam ngezi zinto bazenze ngezandla zabo. Ingqumbo yam iza kuwa phezu kwale ndawo, ingabi nakucimeka.’