2 Chronicles 34:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndiya kukubutela koyihlo bako, wauya kubutelwa encw̔abeni lako ngoxolo; namehlo ako wona akayi kubona lonke ilishwa endiya kulizisa pezu kwalendawo, napezu kwabemi bayo. Baza bamzisela ukumkani impendulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amelulo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uyabona, ndiya kukugubungela nooyihlo, ugqunywe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amehlo akho bonke ububi endibuzisa kule ndawo, nabemi bayo. Balibuyisela ilizwi lokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena ke ndiya kukusa kooyihlo, ungcwatywe unoxolo. Awakho amehlo akayi kusibona esi sithwakumbe ndiza kusithoba phezu kwale ndawo kunye nabemi bayo.’ ” Loo mpendulo ke bayixelela ukumkani.