2 Chronicles 34:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ngowesibozo umnyaka wokupata kwake ubukumkani, nxa abesengumfana, waqala ukufuna utixo ka‐Davide uyise; nangomnyaka weshumi linesibini, waqala ukucokisa i‐Juda ne‐Yerusaleme kuzo indawo ezipakamileyo, ne‐Ashera, nemifanekiso eqingqiweyo, naleyo ityityishiweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe, esemncinane, waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise, nangomnyaka weshumi elinesibini waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, kwiziganga, nooAshera, nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe, esemncinane, waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise; Ngomnyaka weshumi elinesibini waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, ukuze azishenxise iziganga, neziqu zemithi, nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kunyaka wesibhozo elawula, nakuba wayeselula, waqalisa ukufunana noThixo kayise-mkhulu uDavide. Kunyaka weshumi elinesibini waqalisa ukuzitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kwaJuda naseJerusalem, wazisusa neentsika zika-Ashera kunye nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.