2 Chronicles 34:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wasusa u‐Josiya zonke izinto ezibuntshontsho kuwo onke amazwe abengawosapo luka‐Sirayeli, wabakonzisa bonke abebeko kwa‐Sirayeli, ukuba bakonze uyehova, utixo wabo: yonke imihla yake bebengapambuki ekulandeleni uyehova, utixo woyise babo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabakhonzisa bonke abafumanekayo kwaSirayeli, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Abatyekanga ekumlandeleni uYehova, uThixo wooyise yonke imihla yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabanikela bonke abafumanekayo kwaSirayeli ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Yonke imihla yobomi bakhe abazange baphambuke ekulandeleni uYehova uTHIXO wookhokho babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuwo wonke ummandla wakwaSirayeli uJosiya wazisusa izithixo ezingamasikizi, waza onke amaSirayeli wathi makakhonze uNdikhoyo uThixo wawo. Ngethuba lokudla kwakhe ubomi amaSirayeli zange ajike ekumlandeleni uNdikhoyo uThixo wooyise.