2 Chronicles 34:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakuzo izixeko zakwa‐Manase, nezakwa‐Frayime, nezakwa‐Simone, kwada kwakuzo ezakwa‐Nefatali, emanxuweni abo azingqongayo,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nasemizini yakwaManase neyakwaEfrayim neyakwaSimon, kwesa kweyakwaNafetali, emanxuweni azo ngeenxa zonke,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenjenjalo emizini yakwaManase, neyakwaEfrayim, neyakwaSimon, kwesa kwaNafetali, nelizwe layo ngeenxa zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwiidolophu zakwaManase, kwaEfrayim, kwaSimon, de kuthi xhaxhe ngoNafetali, nakumabhodlo ajikelezileyo,