2 Chronicles 34:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ngoweshumi linesibozo umnyaka wokupata kwake ubukumkani, akuba ebesel’ ecokisile ilizwe, nendlu, watuma u‐Shafane unyana ka‐Atsaliya, no‐Mahaseya inkosi yesixeko, no‐Jowahi unyana ka‐Yowahazi, umkumbuzi, ukuya kulungisa indlu kayehova, utixo wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bakhe, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo nendlu leyo, wathuma uShafan unyana ka-Atsaliya, noMahaseya umphathi womzi, noYowa unyana kaYowahazi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova uThixo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngomnyaka weshumi elinesibhozo anesibini wobukumkani bakhe, ulihlambulule ilizwe nendlu, wathuma uShafan unyana ka-Azaliya, noMahaseya umphathi womzi, noYowa unyana kaYowaka, umthetheli; ngeenxa zonke esixekweni indlu kaYehova uThixo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka weshumi elinesibhozo elawula uJosiya, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo kunye nendlu kaThixo, wathumela uShafan unyana ka-Azaliya noMaseya umlawuli-sixeko, kunye noJowa unyana kaYowahazi umgcini-manqaku, ukuze bahlaziye indlu kaNdikhoyo uThixo wakhe.