2 Chronicles 35:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula basusa okwamadini okutshiswa, ukuba bakunike ngezahlulo zendlu zoyise elusatsheni lwabantu, ukuze lunikele kuyehova, njengokuba̔liweyo encwadini ka‐Mosesi: benje njalo ngenkabi nazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakususa okwamadini anyukayo, ukuba kunikelwe kwizahlulo zezindlu zooyise zoonyana babantu, kusondezwe kuYehova, njengoko kubhaliweyo encwadini kaMoses. Benjenjalo nangeenkomo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayisusa iminikelo etshiswayo ngokwamaqela ezizwe zoonyana babantu, ukuze benze umbingelelo kuYehova, kanye njengoko kubhaliwe encwadini kaMoses. Benza okufanayo nangeenkomo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bawabeka bucala amadini atshiswayo, ukuze bawanikezele kwizintlu zemizi, ukuze zinikele kuNdikhoyo njengoko kubhaliwe encwadini kaMosis. Benjenjalo ke nasezinkomeni.