2 Chronicles 35:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baye besoja ipasika ngomlilo, njengesiko: kodwa izinto ezingcwele bazipeka ezimbizeni, nakongxawo, nasezikotileni, baza bababela bonke abantu ngobunxamo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayosa ipasika ngomlilo ngokwesiko; izinto ezingcwalisiweyo bazipheka ngeembiza, nangongxawu, nangeepani, bagidimisa koonyana bonke babantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ipasika bayitshisa ngomlilo ngokwesiko; ezinye izinto ezingcwele bazithambisa ngeembiza, neepani, nangeepani, babele ke bonke abantu ngokukhawuleza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokommiselo ke amaxhwane ePasika bawosa emlilweni, wona amadini awodwa bawapheka ngeembiza, oongxawu, neepani, baza ke baphakela abantu ngokukhawuleza.