2 Chronicles 35:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakamva balungisela bona, nabaperisite: ngokuba abaperisite, onyana baka‐Arone, bebesekunikeleni amadini okutshiswa namanqata kwada kwasebusuku; ngako aba‐Levi balungisela bona, nabaperisite onyana baka‐Arone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koko bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli ngokuba ababingeleli, oonyana baka-Aron, babenyusa amadini anyukayo namaqatha, kude kube sebusuku. Ke abaLevi bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli, oonyana baka-Aron.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emveni koko bazilungisa nababingeleli, ngokuba ababingeleli, oonyana baka-Aron, babesanyusa amadini anyukayo namaqatha, kude kube sebusuku; bazilungisa ke abaLevi, kwanababingeleli, oonyana baka-Aron.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kamva ke balungiselela bona kunye nababingeleli. Kaloku ababingeleli, inzala ka-Aron, babesenza amadini atshiswayo nawamanqatha kwada kwahlwa. Ngoko ke abaLevi bazilungiselela bona ziqu kwanababingeleli bendlu ka-Aron.