2 Chronicles 35:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo kwalungiswa yonke inkonzo kayehova ngaleyomini, ukuba kubanjwe ipasika, nokuba kunikelwe amadini okutshiswa pezu kwesibingelo sikayehova, njengomyalelo wokumkani u‐Josiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yalungiswa ke yonke inkonzo kaYehova, ngaloo mini yokwenza ipasika, nokunyusa amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova, ngokomthetho wokumkani uYosiya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko yonke inkonzo kaYehova yalungiswa kwangaloo mini ukuze kubhiyozelwe iPasika nokwenza iminikelo etshiswayo esibingelelweni sikaYehova ngokomyalelo kaKumkani uYosiya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngelo thuba ke yonke inkonzo kaNdikhoyo yaqhutywa, kubhiyozelwa iPasika, kusenziwa namadini atshiswayo kwiqonga likaNdikhoyo ngokomyalelo kakumkani uJosiya.