2 Chronicles 35:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula watuma izigidimi ukuya kuye, esiti: Ndiyinto nina kuwe, kumkani wo‐Juda? andi zi ngakuwe wena namhla, ndiza ngakuyo indlu elwayo nam; ngokuba utixo ete uya kundikaulezisa: yeka wena utixo, okunye nam, ukuze angakububisi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathuma abathunywa kuye, wathi, Yintoni na enam nawe, kumkani wakwaYuda? Andize kulwa nawe namhla; ndize endlwini endilwa nayo; uThixo uthe mandikhawulezise; mkhwelele uThixo onam, angakutshabalalisi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathuma abathunywa kuye, wathi, Yintoni na enam nawe, kumkani wakwaYuda? Andinilwi namhla, kodwa ndihlasela indlu endiyilwelayo; ngokuba uThixo undiwisele umthetho wokuba ndikhawuleze; musa ukumphazamisa uThixo onam, hleze unitshabalalise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uNeko wathumela izigidimi esithi: “Akukho mfazwe phakathi kwam nawe, kumkani wakwaJuda. Okweli lixa andihlaseli wena, koko ndihlasela isizwe esilutshaba lwam. UThixo uthe mandikhawulezise, ngoko ke wena musa ukuchasana noThixo ongakum, hleze akutshabalalise.”