2 Chronicles 35:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Josiya akasonga ubuso bake kuye, koko wazenza ngakumbi ukuba alwe naye; akapulapula kuwo amazwi ka‐Neko evela emlonyeni katixo, kodwa weza ukulwa emhlanjeni wase‐Megido.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uYosiya akabusonganga ubuso bakhe kuye; wazenza mntu wumbi, ukuba alwe naye; akawaphulaphula amazwi kaNeko, aphuma emlonyeni kaThixo; weza kulwa esihlanjeni saseMegido.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akavumanga uYosiya ukububhekisa ubuso bakhe kuye, wazenza mntu wumbi, ukuba alwe naye, akawaphulaphula amazwi kaNego, aphuma emlonyeni woThixo oyinyaniso, weza kulwa entilini yaseMegido.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke uJosiya zange ajike, koko wazenza mntu wumbi, wangena edabini. Ewe, zange ayiphulaphule into eyayithethwa kuye nguNeko owayeyalelwe nguThixo – wafunzela kuye, walwa naye kumathafa aseMegido.