2 Chronicles 35:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako u‐Jeremiya wenza isililo pezu kwo‐Josiya; nabo bonke abaculi nabaculikazi bateta ngo‐Josiya ezililweni zabo kwada kwanamhla, bazenza zibe ngummiso kwa‐Sirayeli: bona ke, ziba̔liwe ezililweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYeremiya wamenzela isimbonono uYosiya; zathetha zonke iimvumi neemvumikazi ezimbononweni zazo ngoYosiya, unanamhla.Bazenza ummiselo kwaSirayeli; nanzo zibhaliwe ezimbononweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYeremiya wamenzela isijwili uYosiya; zathetha zonke iimvumi neemvumi ezimbononweni zabo ngoYosiya, unanamhla, bazibeka ngokomyalelo omiswe kwaSirayeli kwaye yabona, amazwi kaYeremiya acacisiwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uJeremiya waqamba izililo ngoJosiya. Unanamhla ke zonke iimvumi, amadoda nabafazi, bahlabela ezo zililo xa bekhumbula uJosiya. Zona ke zada zasisithethe kwaSirayeli, zabhalwa kwiNcwadi yesiJwili.