2 Chronicles 35:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kuba‐Levi, abafundisayo o‐Sirayeli bonke, abebengabangcwele kuyehova: Bekani ityeya eyingcwele endlwini ebisakiwa ngu‐Solomone unyana ka‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli; aniyi kuba namtwalo pezu kwamagxalaba; kaloku konzani uyehova, utixo wenu, nabantu bake o‐Sirayeli,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubaLevi ababeqondisa onke amaSirayeli, ababengcwele kuYehova, Yibekeni ityeya engcwele endlwini, awayakhayo uSolomon unyana kaDavide; ukumkani wakwaSirayeli; aniyi kuyithwala emagxeni. Mkhonzeni kaloku uYehova uThixo wenu, nabantu bakhe amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waqhubeka wathi kubaLevi ababefundisa bonke oonyana bakaSirayeli, ababengcwele kuYehova: “Yibekeni ityeya engcwele endlwini awayakhayo uSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli; akuyi kuba mthwalo emagxeni enu; Mkhonzeni kaloku uYehova uThixo wenu, nabantu bakhe amaSirayeli;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
KubaLevi ababenikezelwe kuNdikhoyo befundisa uSirayeli wonke ephela wathi: “Yithatheni ityesi engcwele, niyifake endlwini awayakhela yona uSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli. Mayingahlali niyithwele ngamagxa. Ngoku khonzani uNdikhoyo uThixo wenu ngokunjalo namaSirayeli.