2 Chronicles 35:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Josiya er̔olela usapo lwabantu ezinkomeni ezincinane, amatakane egusha nawebokwe, abe ngaweminikelo yepasika onke, ngenxa yabo bonke abebeko, angamawaka angamashumi matatu inani lawo, nenkabi ezingamawaka matatu: ezi bezizezemfuyo yokumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYosiya wabarhumela oonyana babantu, bonke abafunyanwayo khona, impahla emfutshane, iimvana, namatakane eebhokhwe, onke lawo angawepasika, engamawaka amashumi mathathu inani; namawaka amathathu eenkomo. Konke oko kwaphuma kwimfuyo yokumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYosiya wabarhumela oonyana babantu, iimvana, neenkunzi zeebhokhwe, zonke ezo nto zezombingelelo wepasika, kubo bonke abafumanekayo, inani lawo elingamawaka amashumi mathathu anesithathu samawaka; ibibubutyebi bokumkani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu ababelapho uJosiya wabalungiselela amashumi amathathu amawaka eegusha neebhokhwe ezizezedini lePasika, kwakunye namawaka amathathu eenkomo – zonke ezo zinto ziphuma kukumkani ngokwakhe.