2 Chronicles 36:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nasekutwaseni kwomnyaka, watuma ukumkani u‐Nebukanetsare, wamzisa e‐Babilone, kunye nezinto ezinq wenelekileyo zendlu kayehova, wamenza u‐Zedekiya umzalwana wake ukumkani pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ekuveleni komnyaka, ukumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabheli, kunye neempahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova; wenza uZedekiya, umninawa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda naseYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekupheleni konyaka, uKumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabhiloni neempahla ezilungileyo zendlu kaYehova, waza wenza uZedekiya umntakwabo kumkani wakwaYuda naseYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentlakohlaza ukumkani uNebhukadenezare wathumela waya kuthathwa wasiwa eBhabheli kunye nezinto ezixabisekileyo zendlu kaNdikhoyo. Wathatha uyisekazi kaJoyakin uZedekiya wamenza ukumkani wakwaJuda naseJerusalem.