2 Chronicles 36:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kodwa babehleka izitunywa zikatixo, bawadela amazwi ake, nabaprofite bake babagculela; ude wavuka umsindo kayehova ngakubo abantu bake, kwada akwabiko umciza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa bayabagculela abathunywa bakaTHIXO oyinyaniso bewadelela amazwi akhe yaye benyelisa abaprofeti bakhe de ifike ingqumbo kaYehova nxamnye nabantu bakhe de kungabikho kuphiliswa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke bona basuka baphoxisa ngazo izithunywa zakhe, bawadelela amazwi akhe, bebagxeka abashumayeli bakhe; yada ke ingqumbo kaNdikhoyo yavuseleleka mayela nabantu bakhe, ayabi sanqandeka.