2 Chronicles 36:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako wenyusela pezu kwabo ukumkani wama‐Kaledine, owabulala amadodana abo ngeṙele endlwini yeyingcwele indawo yabo, engabanga nanceba pezu kwomfana nentombi, pezu kwexego noyingwevu: bonke wabanika esandleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabanyusela ukumkani wamaKaledi; wawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yabo engcwele, akaconga ndodana nantombi, nandoda inkulu naxhego; bonke wabanikela esandleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabazisa ukumkani wamaKaledi, owawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yengcwele yabo, akaconga ndodana nantombi, naxhego, nandoda ithe yaca phambi kwabo ubudala abayanga; wabanika bonke esandleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabaxhokonxela ukumkani wamaKaledi, owababulalayo abafana babo ngekrele, ebabulalela endaweni engcwele; ewe, akasindisanga mfana nantombi, ndoda naxhego. Xa bebonke uThixo wabanikezela esandleni sokumkani wamaKaledi.