2 Chronicles 36:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuze kuzalisekiswe ilizwi likayehova ngomlomo ka‐Jeremiya, lada ilizwe lenzelela isabata zalo: yonke imihla yokucitakala kwalo libe linokupumla, ize izalisekiswe iminyaka emashumi asixe̔nxe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba lizaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, lide ilizwe lanele ziisabatha zalo; ngayo yonke imihla yokuba senkangala kwalo, laphumla, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze kuphume ilizwi likaYehova emlonyeni kaYeremiya, lizaliseke, lide ilizwe lanele ziisabatha zalo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngale ndlela ke azaliseka amazwi kaNdikhoyo awathethwa nguJeremiya, laza ilizwe laxhamla iminyaka yalo yokuphumla. Ewe, lonke elo xesha lalingamiwanga ilizwe beliphumla, nditsho iminyaka emashumi asixhenxe.