2 Chronicles 36:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuze kufezwe ilizwi likayehova ngomlomo ka‐Jeremiya, wawuvusa uyehova umoya ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuba walidlulisa ilizwi kubo bonke ubukumkani bake, esenje njalo nangesiba̔lo kanjako, esiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi, wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala esithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani wasePersi, ukuze lizaliseke ilizwi likaYehova, awalithethayo ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawunyusa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi, ukuba uzaliseke ebukumkanini bakhe bonke, wabhala, esithi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa: