2 Chronicles 36:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya ukuti: Bonke ubukumkani bomhlaba ndibunikiwe nguyehova, utixo wezulu: kanjalo yena undiyalezele ukumakela indlu e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda. Ngubanina pakati kwenu ovumayo kubo bonke abantu bake? uyehova, utixo wake, makabe naye, enyuke ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem ekwaYuda. Ubani ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, uYehova uThixo wakhe makabe naye, anyuke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathiwa nguKoreshi ukumkani wasePersi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinikiwe nguYehova, uThixo wamazulu; wandiwisela umthetho wokuba ndimakhele indlu eYerusalem, ezweni lakwaYuda. Ngubani na kuni ongowabantu bakhe bonke? Wanga uYehova, uThixo wakhe, angaba naye, anyuke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi; kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda. Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye khona.’ ”