2 Chronicles 36:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani we‐Jipete wamenza u‐Eliyakime umkuluwe wake ukumkani pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, waguqula igama lake libe ngu‐Yoyakime; no‐Yehowahazi umninawe wake, wamtabata u‐Neko, wamzisa e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani waseYiputa wamenza uEliyakim, umkhuluwa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda neYerusalem, waliguqula igama lakhe laba nguYehoyakim. UNeko wamthabatha uYehowahazi, umninawa wakhe, wamsa eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani waseYiputa wamenza uEliyakim, umkhuluwa wakhe, ukumkani wakwaYuda neYerusalem, waliguqula igama lakhe laba nguYehoyakim. uNego wamthabatha uYehowahazi, umninawa wakhe, wamsa eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waseJiputa lowo wamisela umntakwabo-Yowahazi uEliyakim wangukumkani wakwaJuda naseJerusalem, waza waliguqula igama likaEliyakim wathi nguJoyakim. Ke yena umntakwabo uYowahazi wamthimba wamsa eJiputa.