2 Chronicles 36:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu u‐Yoyakime ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme: wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, utixo wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Wenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; yaye wenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJoyakim waqala ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe.