2 Chronicles 36:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Yoyakime, nento ezibuntshontsho zake owazenzayo, noko obekufunyanwa kuye, bona ke, ziba̔liwe encwadini yokumkani bo‐Sirayeli no‐Juda: waza u‐Yoyakine unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ezinye izinto zikaYehoyakim, namasikizi akhe awawenzayo, nokwafumanekayo kukuye, nanko kubhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda. Waba ngukumkani uYehoyakin, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ezinye izinto zikaYehoyakim, namasikizi akhe awawenzayo, nokwafumanekayo kukuye, zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda; unyana wakhe uYehoyakin waqalisa ukulawula esikhundleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaJoyakim, nezinto ezimanyumnyezi awazenzayo, nako konke okwakhe, nâzo encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaJuda. UJoyakin unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe.