2 Chronicles 4:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wazenza nezihlambelo ezilishumi, wamisa esinye isihlanu ngasekunene, nesinye isihlanu ngasekohlo, ukuze kuhlanjwe kuzo: okwomsebenzi wedini lokutshiswa kwahlanzwa kuzo; kodwa ulwandle belulolwabaperisite ukuba bahlambe kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza izitya zokuhlambela zalishumi: wabeka zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, ukuze kuhlanjwe kuzo, kuhlanjululwe into yomsebenzi wedini elinyukayo kuzo; ke lona ulwandle belulolokuze ababingeleli bahlambe kulo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza nezitya zalishumi, wabeka ezintlanu ngasekunene, zantlanu ngasekhohlo, zokuhlambela kuzo ke ulwandle lwaba lolwababingeleli bokuhlamba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo wenza nezitya zokuhlambela zalishumi, isihlanu sazo wasibeka kwicala langezantsi, esinye isihlanu wasibeka ngasentla. Apho kuzo kwakuza kuhlanjwa izinto zokwenza amadini atshiswayo; kodwa ke apho echibini kwakuza kuhlamba ababingeleli.