2 Chronicles 5:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA u‐Solomone wabahlanganisela e‐Yerusaleme abadala bo‐Sirayeli, nabo bonke abazintloko zezizwe, inkosi zendlu zoyise zosapo luka‐Sirayeli, baze bayinyuse ityeya yocebano lukayehova esixekweni sika‐Davide, esiyiyo i‐Ziyone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, nezikhulu zezindlu zooyise zakoonyana bakaSirayeli, eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide; yiZiyon ke leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawahlanganisa ke uSolomon eYerusalem amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, iintloko zezindlu zoonyana bakaSirayeli, neentloko zonke zezizwe zoonyana bakaSirayeli, ukuba bayikhuphe eYerusalem ityeya yomnqophiso kaYehova, emzini kaDavide. iZiyon.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uSolomon wawabizela eJerusalem onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, bonke abaziintloko zezizwe, namadoda aziinkulu zezindlu zamaSirayeli, ukuze aye kuthatha ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo eZiyon isixeko sikaDavide.