2 Chronicles 5:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo ukumkani u‐Solomone, nayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli abebehlanganisene ngakuye pambi kwetyeya, bebebinga igusha nenkabi, ezazingenakubalwa nokulinganiswa ngokuba zininzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukumkani uSolomon, nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselwe kuye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uKumkani uSolomon nebandla lonke likaSirayeli elalihlanganisene kuye phambi kweTyeya babingelela ngezimvu neenkomo ezazingenakulinganiswa okanye zibalwe ngenxa yenani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena ukumkani uSolomon nalo lonke ibandla likaSirayeli elaliqokelelene kuye babemi phambi kwetyesi besenza amadini ngeegusha neenkomo ezininzi, ziyinyambalala engenakubalwa.