2 Chronicles 6:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo uyehova uqinisile ilizwi lake abelitetile; ngokuba ndivukile esikundleni sika‐Davide ubawo, ndihleli nje pezu kweterone yakwa‐Sirayeli, njengokuba etetile uyehova; ndandakele igama likayehova, utixo wo‐Sirayeli, indlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile esikhundleni sikaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uYehova walizalisekisa ilizwi lakhe awalithethayo, ngenxa yokuba ndema egumbini likabawo uDavide ndaza ndahlala etroneni kaSirayeli, kanye njengoko wayethethile uYehova, ndaza ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“UNdikhoyo ke usigcinile eso sithembiso wasenzayo. Naku ngoku ndingene esikhundleni sikabawo uDavide. Ewe, ndichophe kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli ngokwesithembiso sikaNdikhoyo, ndaza ndalakhela indlu igama likaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.