2 Chronicles 6:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba u‐Solomone ebesenzile isitulo sexina, wasibeka pakati kwebala, sizikubite zintlanu ubude baso, nekubite zintlanu ububanzi baso, nekubite zintatu ubupakamo baso: wema ke pezu kwaso, waguqa ngamadolo ake ebusweni bayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, wazolula izandla zake ngasezulwini,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
(ngokuba uSolomon wayenze itheko lobhedu, walibeka esazulwini sentendelezo, laziikubhite ezintlanu ubude balo, iikubhite ezintlanu ububanzi balo, iikubhite ezintathu ukuphakama kwalo; wema phezu kwalo, waguqa ngamadolo phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe);
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uSolomon wenza ikhuselo lobhedu: ubude balo baba ziikubhite ezintlanu, ububanzi balo baba ziikubhite ezintlanu, nokuphakama kwalo kwaba ziikubhite ezintathu, walimisa esazulwini sentendelezo; wema phezu kwayo, waguqa ngamadolo phambi kwebandla lonke kaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku wayenze iqonga lokuma lobhedu, laba ziimitha ezimbini ezinekota ubude nobubanzi, liyimitha enye enekota ukuphakama; walithatha ke walibeka embindini wenkundla engaphandle. Waqabela apho kulo, waza waguqa apho phambi kwaloo nginginya yebandla likaSirayeli, waza izandla zakhe waziphakamisela ezulwini,