2 Chronicles 6:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! gcinela isicaka sako u‐Davide, ubawo wam, oko ukutetileyo kuye, usiti: Akuyi kukunqamkela indoda ebusweni bam, ihleli pezu kweterone yakwa‐Sirayeli; kupela ukuba onyana bako baya kulumkela indlela yabo, bahambe ngawo umteto wam, njengokuba wena uhambile pambi kwam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho, uDavide ubawo, oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli:ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba ngomyalelo wam, njengokuba uhambile wena phambi kwam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, umqinisele umkhonzi wakho uDavide ubawo, oko wakuthethayo kuye, wathi, Emehlweni am akuyi mfuneko yakuhlala mntu etroneni yakwaSirayeli; noko ke ukuze bagqale oonyana benu endleleni yabo yokuhamba ngomyalelo wam, njengoko nihambe ngako phambi kwam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nangoku ke, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, isicaka sakho uDavide ubawo khawumgcinele ezo zithembiso wamenzela zona usithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuchopha phambi kwam kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli, ukuba kodwa oonyana bakho bathe bakunyamekela ngandlela zonke ukuhamba phambi kwam ngokomthetho wam njengawe lo.’