2 Chronicles 6:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba amehlo ako abe evulekile pezu kwalendlu emini nasebusuku, pezu kwendawo ute ngayo uya kubeka igama lako kona: ukuba upulapule umtandazo siya kutandaza ngawo isicaka sako kulendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu imini nobusuku, kwindawo othe uya kulibeka kuyo igama lakho, uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze amehlo akho avuleke imini nobusuku ngokuphathelele le ndlu, kwindawo othe uya kulimisa kuyo igama lakho; uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Imini nobusuku ngamana amehlo akho athi ntsho kuyo le ndlu. Kaloku yile wathetha ngayo usithi igama lakho liya kuba kuyo. Ke ngoko wuphulaphule lo mthandazo esiya kuthi isicaka sakho siwubhekise kule ndawo.