2 Chronicles 6:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okuya kwonayo umntu ngakuye ummelwane wake, aze abeke pezu kwake isifungo sokumfungisa, siti isifungo size pambi kwesibingelo sako kulendlu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa athe ubani wona ummelwane wakhe, wafunga kuye, wamfungela, kwaza kwafika isifungo phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa umntu ethe wona ummelwane wakhe kwaza ke kwafuneka enze isifungo, waza ke yena weza kufunga kule ndlu phambi kweqonga lakho,