2 Chronicles 6:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandule wena uve ezulwini, wenze, ulungise izicaka zako, upindezele kokohlakeleyo, ngokunika indlela yake pezu kwentloko yake, umgwebele olungileyo, ngokumnika njengobulungisa bake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yiva ke wena emazulwini, wenze ugwebe kubakhonzi bakho, umbuyisele ongendawo, uyibeke indlela yakhe entlokweni yakhe;umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
yivani ke emazulwini, nenze, nigwebe kubakhonzi benu, nimbuyise ongendawo, niyibuyisele indlela yakhe entlokweni yakhe; ngokugwebela ilungisa, umnike ubulungisa bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wena ke yiva usezulwini, usebenze ngaloo nto. Uze ugwebe phakathi kwezicaka zakho, onetyala umbuyekeze ngesohlwayo esifanele isenzo sakhe. Uze umgwebele umntu omsulwa, khon' ukuze aphuhle ukuba umsulwa.