2 Chronicles 6:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni abantu bako o‐Sirayeli babetwa pambi kwotshaba, ngokuba bonile ngakuwe; baze babuye, badumise igama lako, batandaze, bataṙuzise ebusweni bako kulendlu;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba bathe abantu bakho amaSirayeli boyiswa ziintshaba zabo kuba bekonile, baza babuya balivuma igama lakho, bathandaza, batarhuzisa phambi kwakho kule ndlu:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba bathe abantu bakho amaSirayeli bakhweletela iintshaba zabo, kuba bekonile; abaya kubuya bedumisa igama lakho, bethandaza, bethandaza kuwe bekule ndlu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa abantu bakho amaSirayeli ethe oyiswa lutshaba ngenxa yokuba ekonile wena, makathi akubuya ebula, evuma igama lakho, ethandaza, esenza isikhungo kuwe kuyo le ndlu,