2 Chronicles 6:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni livingcekile izulu, kungeko imvula, ngokuba bonile ngakuwe; ukuba bayatandaza kulendawo, badumise igama lako, baguquke esonweni sabo, oko ubabandezelayo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lakuvaleka izulu, akwabakho mvula, ngokuba bakona; kwaye ukuba bayathandaza kule ndawo baze balivume igama lakho kwaye baguquke kwisono sabo ukuba uyabacinezela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa amazulu athe avaleka ayabikho imvula, kuba abantu bakho bekonile, mabathi xa bathe babhekisa kule ndawo ngomthandazo bevuma igama lakho, bezishiya nezono zabo kuba wena ubabandezele,