2 Chronicles 6:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandule wena uve ezulwini, uxolele isono sezicaka zako, nesabantu bako o‐Sirayeli, oko ubafundisayo indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo: uze unise imvula pezu kwelizwe lako, elo ulinikileyo ebantwini bako libe lilifa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, nabantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundise indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo; uze unise imvula ezweni lakho olinike abantu bakho njengelifa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wena ke yiva usezulwini, usixolele isono sezicaka zakho, abantu bakho amaSirayeli. Uze ubafundise indlela efanelekileyo yokuziphatha, ulithi jize ngemvula ilizwe elililifa owalinika abantu bakho.