2 Chronicles 6:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa kubako indlala elizweni, nxa kubako isifo esibubisayo, nxa kubako imbabala, nesihumba, inkumbi, noṙuxeshe; nxa intshaba zabo zibavingcela elizweni lezixeko zabo; nxa kubako isibulawa esinjanina, nesifo esinjanina;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa kuthe kwabakho indlala elizweni, xa kuthe kwabakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwabakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sabakho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kuthe kwakho indlala elizweni, xa kuthe kwakho isibetho, xa kuthe kwakho umlilo okanye ukungunda, iinkumbi okanye iinkumbi; Xa iintshaba zawo ziwarhawula emizini yawo; nayiphi na intlungu okanye ukufa okunokuthi kwenzeke:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xa kuthe kwakho indlala nokuba ngubhubhani kweli lizwe, okanye kubekho isihlava, isihumba, iinkumbi, iintothoviyane, okanye xa abantu bakho bethe bangqingwa ziintshaba ezixekweni zabo, ukanti nokuba sisiphi na isithwakumbe okanye isifo esibafikeleyo,